Imbali yezicelo zamabango onyango ukuza kuma ngoku
Imbali yonyango, iquka izigulo ezingapheliyo kunye nezinto ezingahambelani nomzimba wakho
Ukulaliswa esibhedlele kunye nembali yeenkqubo zonyango okhe wazenziwa
Ingaba umboneleli wokhathalelo lwempilo angakwazi ukucela iFayili yam yeMpilo yesiGulane?
Ifayili yempilo yesigulane ifunyanwa kuphela lilungu eliyintloko. Lilungelo lakho ukukhetha ukuba ufuna ukuchazela bani na ngolu lwazi.
Iluncedo njani iFayili yeMpilo yesiGulane?
Inganceda ekuphuculeni izinga lokhathalelo lwempilo yakho njengokuba umboneleli wakho weenkonzo zokhathalelo lwempilo ezakuba nalo lonke ulwazi aludingayo.
Ifayili yempilo ikwaqulathe nenkcazelo malunga nezinto ezingavumelani nomzimba wakho, nto leyo eyakuba luncedo ekunciphiseni iimpazamo zonyango.
Akusayi kuphindaphindwa uvavanyo lonyango! Lonke uvavanyo osele ulwenzile luyakubhalwa phantsi, nto leyo eyakwenza izibonelelo zakho zihlale ixeshana.
Indlela yokufikelela kwiFayili yakho yeMpilo yesiGulane
Ukuba ulilungu eliyintloko ungafikelela kwifayili yakho:
Uyakuthi ke ngoko ucelwe ukuba ufake idilesi yakho ye-imeyili ukuba unqwenela ukuthunyelelwa ikopi yayo ngekhompyutha kungenjalo cofa kwiqhosha elithi "Cancel" ukuze ubone ikopi enokushicilelwa.
OKUBALULEKILEYO:
Kumele ube kanti uselilungu le-GEMS ukuze ube nokufumana iziphumo zamva nje.
Ngamalungu ayintloko KUPHELA anokucela olu lwazi.
Amalungu kumele abe ne-PIN yokungena esasebenzayo. Yona ingenziwa kwiwebhusayithi.
Nceda ungathandabuzi ukuqhagamshelana nathi kwa-0860 00 4367 xa ufuna uncedo ngokusebenzisa le nkonzo.
